R99,00 Original price was: R99,00.R79,00Current price is: R79,00.
“Ewe izinto azifani nyhani Zizi kwaye nam ndivuleke amehlo njengontlalontle, kunjalonje ndiyifince nzima iediting yale ncwadi ngoba bendimana ndisima ndibe nomsindo nokuchukumiseka kwezinye iindawo. Mandicaphule ibali lokuqala – kulusizi ukufumanisa ukuba amanina athile, hayi onke, ayabankula abayeni bawo abababona njengamabunga, emva kokubakhukhuza ubutyebi neemali zabo. Isiphelo sikaNgwadluma sokugajuzwa ngumnk’ akhe, de awe qikili phantsi abhubhe abantu bejongile ngenxa yoxinizelelo lwengqondo sindichukumise kakhulu Zizi. Akwaba ke la mabali amnandi kangaka, nayimvulamehlo yokuba ‘ezi zimanga sizenzayo siluluntu masiziyeke’ angaselwa iso sithi ngokuba kaloku, ‘zigqitywa kuhlwile zibonwe liwuhlabile’. Tshotsh’ ubekho sekaMila noOnez.” (ilizwi likaMzoli Mavimbela, umhleli nombhali weencwadi zesiXhosa waseSajonisi).