Published on 2023
R99,00 Original price was: R99,00.R79,00Current price is: R79,00.
Ubukhulu becala ngamabali la ayimvula-mehlo ukuba, ‘okuze buponi kotshabalala, okuze ngamathontsi kozinza,’ njengoko oko uya kukufumanisa kwimixholo yamabalana afana no‘INENE ULUNTU NGEZISULU’. Akhona amabali oya kuwafumanisa esityhilela izizeka-bani zoxinezelelo lwengqondo kubani, ngenxa yobugewu awathi wabhungca ngezikaSibi kubo, mabali awo afana no‘ENDLELENI EBUYA E-ADDO’. Masingafinci ke bantakwethu, nqikani nizifincele. Kakade iqwela nesigananda sifincwa ngamakhwahla namagqala.
“Amabalana anonambitheko okomsindleko kumhambi, adiza ilihlo lokhozi kumbhali olirharha nonosiba olunyumbazayo. Ebalisa nje uyahlekisa kodwa uyafundisa. Mna ndithi qha, Zizi elimnyama neenkomo zalo zabalaza mzala womntu amathunzi anabile kukud’ eBhayi, malitsh’ iBhayi!” (ilizwi likaMzoli Mavimbela, umhleli nombhali weencwadi zesiXhosa waseSajonisi).