Ibhekile

R89.00

Le yincwadi equlethe imibongo elichiza lempiliso ebhalwe ligqala likamakad’ ebona. Yonke ibhalwe ngolwimi lwesiXhosa esilula nesisulungekileyo. Injongo yale ncwadi kukonga nokulondoloza ulwimi lwethu lweenkobe. Le mibongo ichaphazela imiba eyahluke kakhulu, uya kufumana imibongo ethetha ngendalo, ngeziganeko zobom, enye injongo yayo kukufundisa, ukonwabisa nokuhlaba ikhwelo ukuze isizwe sethu singalahleki ezandleni zethu. Eminye yale mibongo isondele kakhulu entliziyweni yam; mibongo leyo ifana nothi IZANDLA, UBIZO njalonjalo. Ekuqaleni komnyaka ka-2021 unyana wam u-Olwethu walimala kwingozi yemoto waphantse ukunqunyulwa isandla. Loo nto yandicingisa nzulu ngezandla, xa ndandimbona engakwazi ukwenza izinto ezininzi ebekade ezenza lula.

Available in both PDF and ePub formats.
Write-On’s ePub eBooks are best read on the Kotobee Reader! Get Your Free ePub Reader Here! Click on the logo!

  Ask a Question

“Imibongo ebonakalayo nevakalayo ukuba isekelezelwe kwiingontsi namageduka agudleke kuwo umbhali kula mahlandinyuke obu bomi bumajingiqhiwu. Esinjalo ke isibindi sokubalisa ndingasilinganisa nesikaxam, gxebe nesendlovu. Tyhini babhem kuthen’ ingathi ndiyalwimiza nje ngoku? Ndandikhe ndasibona phi isibindi esinjalo? Tli! Tli! Tli! amaMpondo ngolwimi! Ngazwinye ndingathi ayityebanga iteketeke, ewe ude wayophula usis’ Feyi, mxhaseni ngowenu. Walala! Wasala!” (ilizwi likaMzoli Mavimbela, umhleli nombhali weencwadi zesiXhosawaseSajonisi).

 

 

Reviews

There are no reviews yet.

Be the first to review “Ibhekile”

Your email address will not be published. Required fields are marked *

No more offers for this product!

General Enquiries

There are no enquiries yet.

You may also like…

Select your currency
ZAR South African rand