Add to Wishlist
Sale

Ithunga Lengqiqo

Original price was: R99,00.Current price is: R79,00.

“Imibongo elapha isukela ngexesha iimbongi namachule ethu ebon’ ilanga. Ungacingi ukuba kuphelele apho unani na kakade? Mfondini kutyhutyhwatyhutyhwa amaqhina neenduli ngobomi isakhono sisonke nantsika. Xa ndikuhlebela wena mlesi ndingathi lungisa intliziyo uyenze yomelele kunjalonje ngokuba kaloku iza kuxhumaxhuma uxakane nayo hayi nje kancinci. Ababhali basixeko saseGqeberha bekhatshwa ngomnye osuka eQhagqiwa babhoke isicuku bafun’ intw’ ibilapha. Ndizama ukuthi akufihlwa makhuba kulinywa kule incwadi. Inyaniso ikhutshwa ngobunjalo bayo. Ukuba isilonda sakho siyathunakala xa ulesa ikhona imibongo engumathunga kwalapha. Babhali baseBhayi ndinothulel’ umnqwazi inene. Chophani nithi nqwadalala niyonwabele. Ndiqinisekile ukuba nakumathala eencwadi le incwadi iya kubanencasa yevatala. Le ncwadi inene ikwelinye inqanaba.” (Ilizwi likaMadoda Ndlakuse – umhleli nombhali waseBhayi)
“Iimbongi ezineliso nomqaphela kwimiba edla umzi kaXhosa. Inene ababongi bayagqabhuza, whena! Wabulaw’ apho!” (Ilizwi likaMzoli Mavimbela – umhleli nombhali weencwadi zesiXhosa waseSajonisi)

Reviews

There are no reviews yet.

Only logged in customers who have purchased this product may leave a review.

You may also like…

Sale
Quick View
Add to basketView cart

Nganeno Komlambo Iqhagqiwa

Original price was: R99,00.Current price is: R79,00.
Uhlobo loncwadi olunqabe kakhulu apho usatshana oluselula lunikwa khona iqonga lokuphalaza imbilini yalo ngale ndlela luziva ngayo. Ingumxube wesiXhosa nesiNgesi nemizobo injalo, ityebe iteketeke; zisikeleni izihlunu eziya kunihluthisa kulo mbengo babhem, mna sendihluthi mpuu. (Ilizwi likaMzoli Mavimbela, umhleli nombhali weencwadi zesiXhosa waseSajonisi)

Select the fields to be shown. Others will be hidden. Drag and drop to rearrange the order.
  • Image
  • SKU
  • Rating
  • Price
  • Stock
  • Availability
  • Add to cart
  • Description
  • Content
  • Weight
  • Dimensions
  • Additional information
Click outside to hide the comparison bar
Compare
    0
    Your Cart
    Your cart is emptyReturn to Shop