Add to Wishlist
Sale

Chuu Ngcembe Ngemibongo

Original price was: R79,00.Current price is: R59,00.

Amaxesha amaninzi xa kubonwa umntu ozihambela indlela yakhe ethe chuu iba ngathi kukho ndawo ashiyeka kuyo. Iba ngathi olu hlobo ahamba ngalo luyamcothisa ezintweni de ibe ngathi uthatha kade. Abanye wofika bemsizela bemvela bemcingela nokumcingela bethu. Ukuba ungafumana nje inyhweba yokuba ubone intunja yoko kusengqondweni nasentliziyweni yakhe ungothuka ufe isiqaqa.
Ethe chuu nje uxakathe nto wena.
Ethe chuu nje ukude ngengqiqo.
Ethe chuu nje akathanga chuu ncam.
Indaba yotyelo ayikholi, yonwabele mfundi nayo le incwadi yemibongo kaZizi.

Categories: ,
Tags: ,

“UZizi uzithele chuu ngcembe okomkhuhlane wexhego ungxamel’ ukundixaka kunjalo nje kuba usuke wagwev’ eXerha kolu bhalondini lweencwadi. Sithi sisajonge imibongo abe esiphakela amabalana. Nqikani ke babhem nive iBhayinari ukuba lisiphakele ntoni na kulo vimba walo uphuphuma bubomi.”
(ilizwi likaMzoli Mavimbela, umhleli nombhali weencwadi zesiXhosa waseSajonisi).

Reviews

There are no reviews yet.

Only logged in customers who have purchased this product may leave a review.

You may also like…

Sale
Quick View
Add to basketView cart

Iingcinga Zendoda

Original price was: R99,00.Current price is: R79,00.
“Imibongo ephuphuma ubom enikeza ithemba kwabo bantliziyo zidabukileyo, zikrunekileyo nezidakumbileyo. Funda uzivele mfundi, inene awuyi kukhohlwa uza kukholwa, indaba yotyelo ayikholi” (ilizwi likaMzoli Mavimbela, umhleli nombhali weencwadi zesiXhosa waseSajonisi).

Mhla Latsh’ Ibhayi

Published on 2023
Original price was: R99,00.Current price is: R79,00.
Ubukhulu becala ngamabali la ayimvula-mehlo ukuba, ‘okuze buponi kotshabalala, okuze ngamathontsi kozinza,’ njengoko oko uya kukufumanisa kwimixholo yamabalana afana no‘INENE ULUNTU NGEZISULU’. Akhona amabali oya kuwafumanisa esityhilela izizeka-bani zoxinezelelo lwengqondo kubani, ngenxa yobugewu awathi wabhungca ngezikaSibi kubo, mabali awo afana no‘ENDLELENI EBUYA E-ADDO’. Masingafinci ke bantakwethu, nqikani nizifincele. Kakade iqwela nesigananda sifincwa ngamakhwahla namagqala. “Amabalana anonambitheko okomsindleko kumhambi, adiza ilihlo lokhozi kumbhali olirharha nonosiba olunyumbazayo. Ebalisa nje uyahlekisa kodwa uyafundisa. Mna ndithi qha, Zizi elimnyama neenkomo zalo zabalaza mzala womntu amathunzi anabile kukud’ eBhayi, malitsh’ iBhayi!” (ilizwi likaMzoli Mavimbela, umhleli nombhali weencwadi zesiXhosa waseSajonisi).

Ndiyaqal’ Ukuyibona Le

“Ewe izinto azifani nyhani Zizi kwaye nam ndivuleke amehlo njengontlalontle, kunjalonje ndiyifince nzima iediting yale ncwadi ngoba bendimana ndisima ndibe nomsindo nokuchukumiseka kwezinye iindawo. Mandicaphule ibali lokuqala – kulusizi ukufumanisa ukuba amanina athile, hayi onke, ayabankula abayeni bawo abababona njengamabunga, emva kokubakhukhuza ubutyebi neemali zabo. Isiphelo sikaNgwadluma sokugajuzwa ngumnk’ akhe, de awe qikili phantsi abhubhe abantu bejongile ngenxa yoxinizelelo lwengqondo sindichukumise kakhulu Zizi. Akwaba ke la mabali amnandi kangaka, nayimvulamehlo yokuba ‘ezi zimanga sizenzayo siluluntu masiziyeke’ angaselwa iso sithi ngokuba kaloku, ‘zigqitywa kuhlwile zibonwe liwuhlabile’. Tshotsh’ ubekho sekaMila noOnez.” (ilizwi likaMzoli Mavimbela, umhleli nombhali weencwadi zesiXhosa waseSajonisi).

Select the fields to be shown. Others will be hidden. Drag and drop to rearrange the order.
  • Image
  • SKU
  • Rating
  • Price
  • Stock
  • Availability
  • Add to cart
  • Description
  • Content
  • Weight
  • Dimensions
  • Additional information
Click outside to hide the comparison bar
Compare
    0
    Your Cart
    Your cart is emptyReturn to Shop