Ithunga Lengqiqo

$5.41

  • Book Author: Madoda Ndlakuse
  • Language: isiXhosa
  • Publisher: Write-On Publishing
  Ask a Question

“Imibongo elapha isukela ngexesha iimbongi namachule ethu ebon’ ilanga. Ungacingi ukuba kuphelele apho unani na kakade? Mfondini kutyhutyhwatyhutyhwa amaqhina neenduli ngobomi isakhono sisonke nantsika. Xa ndikuhlebela wena mlesi ndingathi lungisa intliziyo uyenze yomelele kunjalonje ngokuba kaloku iza kuxhumaxhuma uxakane nayo hayi nje kancinci. Ababhali basixeko saseGqeberha bekhatshwa ngomnye osuka eQhagqiwa babhoke isicuku bafun’ intw’ ibilapha. Ndizama ukuthi akufihlwa makhuba kulinywa kule incwadi. Inyaniso ikhutshwa ngobunjalo bayo. Ukuba isilonda sakho siyathunakala xa ulesa ikhona imibongo engumathunga kwalapha. Babhali baseBhayi ndinothulel’ umnqwazi inene. Chophani nithi nqwadalala niyonwabele. Ndiqinisekile ukuba nakumathala eencwadi le incwadi iya kubanencasa yevatala. Le ncwadi inene ikwelinye inqanaba.” (Ilizwi likaMadoda Ndlakuse – umhleli nombhali waseBhayi)
“Iimbongi ezineliso nomqaphela kwimiba edla umzi kaXhosa. Inene ababongi bayagqabhuza, whena! Wabulaw’ apho!” (Ilizwi likaMzoli Mavimbela – umhleli nombhali weencwadi zesiXhosa waseSajonisi)

Reviews

There are no reviews yet.

Be the first to review “Ithunga Lengqiqo”

Your email address will not be published. Required fields are marked *

No more offers for this product!

General Enquiries

There are no enquiries yet.

You may also like…

Select your currency
USD United States (US) dollar