Mhla Latsh’ Ibhayi

$5.41

Ubukhulu becala ngamabali la ayimvula-mehlo ukuba, ‘okuze buponi kotshabalala, okuze ngamathontsi kozinza,’ njengoko oko uya kukufumanisa kwimixholo yamabalana afana no‘INENE ULUNTU NGEZISULU’. Akhona amabali oya kuwafumanisa esityhilela izizeka-bani zoxinezelelo lwengqondo kubani, ngenxa yobugewu awathi wabhungca ngezikaSibi kubo, mabali awo afana no‘ENDLELENI EBUYA E-ADDO’. Masingafinci ke bantakwethu, nqikani nizifincele. Kakade iqwela nesigananda sifincwa ngamakhwahla namagqala.
“Amabalana anonambitheko okomsindleko kumhambi, adiza ilihlo lokhozi kumbhali olirharha nonosiba olunyumbazayo. Ebalisa nje uyahlekisa kodwa uyafundisa. Mna ndithi qha, Zizi elimnyama neenkomo zalo zabalaza mzala womntu amathunzi anabile kukud’ eBhayi, malitsh’ iBhayi!” (ilizwi likaMzoli Mavimbela, umhleli nombhali weencwadi zesiXhosa waseSajonisi).

  • Book Author: Madoda Ndlakuse
  • Language: isiXhosa
  • Publisher: Write-On Publishing
  Ask a Question

Isihloko sale ngqwebo sithi, ‘Mhla Latsh’ iBhayi’ into ethetha ukuba kuza kwaziwana. Nangona kusaziwana kunjalo ke, ubukhulu becala amabali la ayacaca ukuba umbhali ziingontsi namasuka-ndihlale ahlangene nawo kulaa mimandla ikuMneno-Nciba kwatsho kwaqandusela la mabalana angcathu ancindi ivuzisa izinkcwe.

‘UMhla Latsh’ iBahyi’ uphumelele iMbasa yamaBali amafutshane kaNadine Gordimer yowama-2021!

Winner of the 2021 Nadine Gordimer Prize for Short Stories!

 

Reviews

There are no reviews yet.

Be the first to review “Mhla Latsh’ Ibhayi”

Your email address will not be published. Required fields are marked *

No more offers for this product!

General Enquiries

There are no enquiries yet.

Select your currency
USD United States (US) dollar