Ukuphuma kwelanga esi sihloko sibonisa ukuqala kwemini ethi ibe lithemba kumntu atsho abe namandla okukwazi ukumelana nemingeni yemini. Emva kwesifingo sobumnyama kuye kuthi qheke ukusa. Ebomini uye udibane nabo ubunzima kodwa kufuneka umntu ahlale enethemba lokuba nakobakhe ubom kuseza kuba khona ukukhanya. Lo nto ithi kufuneka ubani asoloko ehleli ethembeni. Le ncwadi iqulethe imibongo amabali amafutshane kunye neentsomi ezithi zinike ithemba nakubani oziva edangele atsho afumane ithemba. Inceda ubani afumane izakhono zobom. Apha uza kufumana umbongo othi uRonta onika ulwazi kulowo ungazange wahlala kuwo. Namabali amafutshane endingabalula ibali elithi bagotywa bebatsha elingomzukulwana othi ngenxa yokusoloko ehleli nabantu abadala aphele ethetha izinto ebekungafanelekanga azithethe. Le ncwadi iyonwabisa iyahlekisa kulowo uthe wathatha ixesha wayifunda.

Ukuphuma Kwelanga
R99.00
- Book Author: Babalwa Nqoro
- Language: isiXhosa
- Publisher: Write-On Publishing
Be the first to review “Ukuphuma Kwelanga”Cancel Reply
No more offers for this product!
General Enquiries
There are no enquiries yet.
You may also like…
-
Teardrops
R99.00
Related products
-
Indoda Ayikwazi Kuba Yinkedama
R99.00 -
Umkhumezelo Umqulu 3
R79.00 -
Sondela Sabelane
R79.00 -
Akwaba Ndandinimamele
R79.00
Reviews
There are no reviews yet.