Ndiyaqal’ Ukuyibona Le

R99.00

“Ewe izinto azifani nyhani Zizi kwaye nam ndivuleke amehlo njengontlalontle, kunjalonje ndiyifince nzima iediting yale ncwadi ngoba bendimana ndisima ndibe nomsindo nokuchukumiseka kwezinye iindawo. Mandicaphule ibali lokuqala – kulusizi ukufumanisa ukuba amanina athile, hayi onke, ayabankula abayeni bawo abababona njengamabunga, emva kokubakhukhuza ubutyebi neemali zabo. Isiphelo sikaNgwadluma sokugajuzwa ngumnk’ akhe, de awe qikili phantsi abhubhe abantu bejongile ngenxa yoxinizelelo lwengqondo sindichukumise kakhulu Zizi. Akwaba ke la mabali amnandi kangaka, nayimvulamehlo yokuba ‘ezi zimanga sizenzayo siluluntu masiziyeke’ angaselwa iso sithi ngokuba kaloku, ‘zigqitywa kuhlwile zibonwe liwuhlabile’. Tshotsh’ ubekho sekaMila noOnez.” (ilizwi likaMzoli Mavimbela, umhleli nombhali weencwadi zesiXhosa waseSajonisi).

  • Book Author: Madoda Ndlakuse
  • Language: isiXhosa
  • Publisher: Write-On Publishing
  Ask a Question

Le yincwadi yamabalana amafutshane neye yachaphazela kanobom imiba enobuzaza phakathi koluntu. Umbhali ukhupha imbilini yakhe engagogotyanga lutho ngezinto eziliqela esithi sityhubele kuzo kwiindawo esihlala kuzo. Bali ngalinye liyakholeleka, lidlwengula umxhelo likwadlikidla nesimo sengqondo esimele sibe naso kwizinto ezisingqongileyo nesizibona qho. Umbhali ukholelwa ekubeni la mabali anako ukukhulisa iingqondi ezithe qwa kwaneencoko ezakhayo eluntwini.

Reviews

There are no reviews yet.

Be the first to review “Ndiyaqal’ Ukuyibona Le”

Your email address will not be published. Required fields are marked *

No more offers for this product!

General Enquiries

There are no enquiries yet.

You may also like…

Select your currency
ZAR South African rand